Katikati Youth in Ntaba Maria

IMG_0165On the 15th of March 2013 the youth of the Queen of Apostles church in Katikati, went to the Ntaba Maria Convent in Lady Frere for a workshop and a chance to get an insight on how the Sisters of Ntaba Maria live and experience the beauty of Ntaba Maria itself.

The following morning there was a celebration of Holy Mass at half past six which ended with prayers until we went to breakfast. After breakfast at 08h30, we got ready for a workshop in which we met with a facilitator; Vuyisa Mahobe, from the National Youth Development Agency in East London. He taught us about life skills and the building of our self esteem. We worked together as groups and did some presentations on various topics and answered some questions according to our own life experiences as young people. The various topics that we were discussed also taught us that as young people in South Africa; we can achieve anything through knowing ourselves, being responsible, having self-confidence and confidence in our abilities and also allowing God to work in our lives and leave everything in His hands.

We also got a chance to sit down and have a session with Sr.Michaelina Nkuzo CMDA, who is still in preparation for her final profession. We asked her questions about being a Sister, how they live, why they chose to be Sisters and how long it takes to become a Sister. She also told us about the history of the Ntaba Maria Convent and also showed us some old pictures of the opening of the Convent and the first Sisters to live there in the 60’s. We also got a tour around, saw the animals that are kept there and even went to the waterfalls, that looked amazing, behind the convent.

Then later in the afternoon before making our departure, we had a little ‘get together’ braai in which the Mother Superior:  Sr Francis de Sales Solani CMDA, gave us some advice and words of encouragement and faith. On behalf of the Queen of Apostles church youth that went on the trip, I would like to thank our priest; Fr.Thulani Gubula for organising and going to the trip with us and also to the Sisters of Ntaba Maria for allowing us into their world and giving us an insight into their lives and hopefully all of us have learnt and taken some inspiration from being at Ntaba Maria. God Bless.IMG_0178

Nosicelo Vananda

Uhambo lwethu silulutsha lwakwi dayosisi yaku komani kwi bandla lase Kati-kati sityelela e Ntaba Maria ngomhla we 15-03-2013. Sihambe silulutsha nompriste webandla lethu e Kati-kati Sifike kakuhle samkelwa ngo sister baya kusibonisa indawo esizakulala kuzo nendawo zoku hlamba kwakunye nezokuzinceda bandulaukuya kusibonisa ekitshini nendawo yokuhlangana. Oosister baye basilungiselela ukutya ngelo xesha sisazibukela indawo le thina siye sabizwa kwakulunga ukutya siqalengokwenza umthandazo phambi kokuba sitye saphinda sabulela sakugqiba ukutya wasibiza u father ukuba siye kwelinye igumbi apho sifike senza umthandazo waphambi kokulala waza wasiyalela ukuba siwuvumele umoya walendawo ungene kuthi ukuze ngenene sithi xa siyishiya kwakhona sibesilubona utshintsho singabantu abahlukileyo eNkosini.

Sihambile ke saya kulala esiyalele kwakhona uba umntu onqwenayo ngo six ekuseni ukuya emthandazweni wo Sister uvumelekile, ize elona Dini lingene nge 6h30 a.m. Kufuneka sivukile ngeloxesha. Sayakulala, sivukile ke ngomhla we 16-03-2013 kakukhle kungekho nto saqoqosha amagumbi ethu okulala,saze sahlamba silungiselela ukungena iDini eliNgcwele. Usenzenzele iDini ke uFather Thulani Gubula, emva kwe Dini basenzinsa umthandazo we Rosary, ooSister bakugqiba zonke imfihlakalo zeRosary basikhulula siyokutya. Senze umthandazo sandula ukutya saphinda sabulele sakugqiba. Yafika ke ifacilitator yakwi National Youth Develpment Agency yase Monti ,uMnu Vuyisa Mahobe,nge 8h30 saqalisa iingongoma esizakunyathela kuzo, njengezigqibo ezifanelekileyo emasizithathe ebomini njengolutsha, sihambe kunye ke saqhuba kakuhle,safunda likhulu.

Emva koko sadibana noSister Michaelina Nkuzo CMDA, siye sahlala phantsi naye esibonisa ngentlalo yabo yobuSister, indlela abenza ngayo izinto imimiselo kwakunye nemiqathango abayithobelayo,nokuba wenza njani xa ufikelwe lubizo ufuna ukungena kubuSister. Wasixelela ukuba yaqala njani lento yobuSister  base Ntaba Maria ,iqale nini, iqalwa ngubani nokuba iNtaba Maria yamiselwa nini,sizibambile ke ezo zinto. Kwalandela uFather naye wasichazela ngobu priste; ukuba kwenziwa njani, yiminyaka emingaphi ukuze ube ubekelwa ebupristeni. Uye uSister wasibonisa ke iNtaba Maria ukuba imi njani,wasibonisa nezilwanyana eziphaya,sabona nezitishi zerosary eziya emangcwabeni. Sagqitha sabona iingxangxasi emva koko kojiwa inyama kwamnandi,sabulele kooSister ngokusamkela kwabo ngezandla ezishushu,nabo basixhobisa ngamazwi akuthazayo ebomini,emveni koko kwatyiwa kwahanjwa.

Ibhalwe ngu Lubabalo Lawrence Mfanta no Thabo FekexeIMG_0181